Ukuphela Kothando

Ukuphela Kothando The end of love crying for some1 who is gone forever

15/11/2024

Ndivuyisana nabalandeli bam abatsha! Ndinehlombe ngokuba nindijoyinile! Neziswa Mkhondo, Vangomfazi Ntotho, Khanya Madumela, Kancho Malik, Nosethu Wamakhomaz, Linomtha Vinjwa, Amahle Hlehle Handula, Lulu Gecelo Lulu Gecelo, Malwande Maradona Duvalele, Aluphelo Ngqayimbana, Masindie Dingezweni, Okwenele Galeni, Thembalethu Mafuxwana

11/03/2024

Zihlobo ndiyabuya Soon ndiyayaz ndiniphoxile enkosi ngonyamezela ngolwesihlanu ndobe ndiqhubeka okwangoku ndisabanjwe ngumsebenzi

27/03/2018

Insert 14
(Endleleni eyokuqokelela uThabo uhlangana noMfundo esuka evenkileni)
Thabo: (uvele sale ekhonya) bendiba ndiyadlala kanti abadala bayibambile!
Mfundo: (esothuka) haibo kwenzeka ntoni ngoku Ku we ntangam ndakugqibela ungekho ryt kwaphela ngoku sekushintshephi?
Thabo: awazinto kwedini ayizontsuku zingaphi
Mfundo: uthini na ntwana alpha k*m?(esifa yimincili)
Thabo: ndithi siyangena okanye ujikile wena!
(Sele bebheshisana bonwabile ingulowo ukhonya ngeyakhe indlela kwegqi amawele besakhonya njalo)
Lolwethu: haibo mtase ayingoThabo noMfundo na aba bangxolayo?
Loliwe: ingathi ngabo mtase kwenzeka nton kubo?
Lolwethu: Makhe sisondele mtase kungathi kanti bashiywa zingqondo(Basondela)
(Kubuze ULoliwe sele ekufutshane)
Loliwe: haibo bafana nidikwe yinton nangxola kangaka?
(Bothuka bobabini beecwaka ngokungathi khange benze kwanto intloni zibaphethe)
Lolwethu: (ebhekisa kuThabo) haibo sbari nonwaba kangaka niwine ntoni?
Thabo: akhonto ingako sbari ngaphandle nje kovuyisana noMfundo kuba ezongena apha kuJune
Loliwe: Nyhani? Anizithethi izinto
Mfundo: injani kanti lendoda yakho Loliwe yathi ndiyoluka yayeka ukuthi siyoluka
Loliwe: (emxhumela ngehug)haibo babe uyifihla njani into enjalo
Lolwethu: hay wethu akhongxaki ekuzifihleni qa ndivuyela ukuba ndizohlala ekhukhweni
Loliwe: noba kwelikabani kanene kuba elika babe lobe ligcwele MNA
Thabo: ayicace ukuba sibabini ngoku icacile ukuba lelikaMfundo
(Bahleke bonke)
Mfundo:bantakwethu masidibaneni ngomso kudala noko ndithunyiwe noba sele efuna upheka lamama
Loliwe: yitsho uphinda Mfundo nathi k*mele sihambe kudala noko simkile ekhaya
Thabo: bek*mnandi ukuba nani makhe ndiyokukhangela ezakuthi
(Bohlukane ingulowo uleqa apho ebesiya khona )
(Endleleni esingise ekhayeni labo ULolwethu uncokola no Loliwe )
Loliwe: khawutsho kodwa mtase yintoni ebangela ungamvumi uMfundo?
Lolwethu: haibo mtase andifuni kujola mna
Loliwe: okay ke ndiyakuva mtase kodwa uba kuphela kwesizathu eso usazojola naye noba kunini
Lolwethu: yazi mtase ndikhe ndicinge uyiqala lento emvakoko ndicinge ukuba xa uMfundo angadlala ngam ndingathini
Loliwe: mtase into ebalulekileyo kukuzithemba kodwa anditsho ukuba jola xa ungekafuni ulungile
Lolwethu: ndiyakuva mtase awusavuyi ntombi uThabo esoluka
Loliwe: haibo mtase ndovuyela ntoni kuba akho kwanto endizoyifumana
Lolwethu: kaloku ikhukho lelakho kwaye izobe inguwe omthiya igama
Loliwe: haibo wethu sobona ngoko
Lolwethu: masikhawuleze naku umama esikhwaza
Loliwe: oh! Nkosi sothi besihleliphi (bekhawuleza)
Insert 15 is coming tomorrow

27/03/2018

Insert 13

Kwedinana: ukugqiba nje kwenu ubhala injongo zam kukuba ningene ukuze niphume kwangethuba
Nosabatha: licebo elo tata ka Thank
(uThabo ebesele engakwazi nokuzibamba)
Thabo: tata ndiyabulela kakhulu ngento ondenzele yona mandileqe uyoqokelela ukuze ndizifumane zonke kwangethuba
Nosabatha: haibo man tan am sele kuphele nalontloko
Kwedinana: ingathi unyana ufuna ukuyokuqokelela ngempahla yesikolo ke namhlanje
Thabo: yhoo umntu uyenziwa apha ekhaya bendizakuzikhulula eyentloko yona into idambile
(Bahleke bonke endlini kuba bewuqonda umcimbi wonobangela wentloko
Thabo: makhe ndiyokukhulula ukuze ndiyonqanda inkomo(utsho sele esiya egumbini lakhe)
(Bashiyeke bethetha bodwa)
Nosabatha: kodwa myeni Sam uyambona unyana ukuba wonwabe njani
Kwedinana: mandibulele kuwe Majali ngoba ngumfazi wokwenene wandibonisa xa ndilahleka
Nosabatha: umfazi ukho k*maxesha anjalo mandibulele Kuwe nam ngoba ukwazile ukundimamela
(Uvele uThabo dele engxamile)
Thabo: makhe ndinishiye zingekayi n**e
Kwedinana: kulungile nyana
Nosabatha: hey tata ka Thabo nam mandilungise isidlo sangokuhlwa
Kwedinana: kulungile mfazi mandikhe ndizitshayele inqawe yam pha ngasesibayeni

Insert 14 is coming later

26/07/2017

Insert 13

(kuphuma isikolo uMfundo udibana noThabo endleleni egodukayo)

Mfundo: haibo ntangam imini yonke namhlanje kwenzekani?

Thabo: (ngelizwi eliphantsi) kunzima ntangam
Mfundo: yinton ngoku wena?
Thabo: eish kulamcimbi besithetha ngawo izolo utata ukhaba ngawo omane
Mfundo: Yhoo! uthini na apha k*m ndothi kutata kuthen ungoluki
Thabo: kolunga umxelele inyani engekadibani notata
Mfundo: eish yanzima ke le into mnganam
Thabo: icebo lizovela ungaworry , eyi mtakwethu k*mele ndikushiye
Mfundo: Sho mtakwethu mandikubone xa uyoqokelela (bohlukane)

(uThabo ufike kowabo sele abazali bakhe bekhona ubulise nje waya egumbini lakhe)

Nosabatha: (ebhekisa kutata kaThabo) kodwa uyayibona lento ukub lomntwana imphethe kakubi?
Kwedinana: Yaz mfazi bendikhe ndayicinga lento phambi kokuba ndilale
Nosabatha: Nomagaga ucinge waphela usithini kulemeko yalomntana
Kwedinana: Mfazi ayikho enye indlela k*mele angene unyana ndithe ndakujonga izobanguye yedwa inkwenkwe endala apha elalini
Nosabatha: Oh! mkhulu uYesu ndiyabulela kakhulu Nomagaga, Sibakhulu, Ntlangwini
Kwedinana: Yhin! mfazi ude undibonge kangaka ngath nguwe ozokweluka, khawumbize

(uNosabatha uye egumbini likaThabo engathi uyabhabha luvuyo ufike wambiza)
Nosabatha: Thabo! wazivalela wedwa apha uyakufuna utata wakho
Thabo: Mama ndiyeza ndisagqibezela ukhulula
Nosabatha: uzobuya ukhulule khawuleza uzohamba utata wakho

(uThabo uphume egumbini lakhe engabonakalisi mdla kwaphela)

Kwedinana: Haibo nyana awukakhululi na? hlala apha ecaleni kwam
Thabo: (ehlala) andiziva mnandi tu kwaphela namhlanje
Kwedinana: (emqonda unobangela walentloko) nyana uzoqina ubemdala
Nosabatha: mntanam elilizwe alifuni mnt uthambileyo
Kwedinana: into esikubizela yona ke apha sinomama wakho k*malunga nesicelo sakho sangezolo apho siye sazama ucebisana sagqiba ekubeni nyhani ukulungele ukub ungayindoda
Thabo:(ngokunga ngath uyaphupha)Nyhani tata!
Nosabatha: Unyanisile utata wakho mntanam
Kwedinana: Nyana sigqibe ekubeni sithethe noManxele ukuze nibe nebhuma elinye notshomi lo wakho
Thabo: (khange akwazi ukuzibamba) mama no tata ndiyabulela kakhulu ndokwenza konke okusemandleni ukuba ndiliphumelele ibanga leshumi nob kukweyiph imeko
Nosabatha: Yilonto kanye esiyifunayo kuwe nyana oyintanda
insert13 continues

30/05/2017

insert 11 continues

Nosabatha: khawutsho kodwa tata ka Thabo umenzeni umntana zange wanje.
Kwedinana: makube uxabene nentombi yakhe okanye nalatshomi yakhe mna andazi nto
Nosabatha: kodwa ungene esangweni ebukeka engenanto nje ukuncokolele ntoni ngoku benihleli ngasesibayeni
Kwedinana: oh! abafazi banje yintoni imibuzo engaka Majali ngeliphandle unyana lo wakho ufuna ukweluka nto leyo ingazukwenzeka
Nosabatha: engakhange athethe nje ngalonto kuqala unyaka uhlutshwe yintoni
Kwedinana: umbuzo wam uvele apho kanye wandixelela ngalenkwenkwe kaManxele
Nosabatha: inkwenkwe kaManxele etheni na ngoku?
Kwedinana: kucaba lenkwenkwe iyangena ugqiba nje kwayo ubhala imviwo apha kuJune
Nosabatha: kodwa tata kaThabo ungayenza njani into enje emntaneni uthi makashiywe yitshomi yakhe ucinga bophinda bavane njani
Kwedinana: andenzi zinto ezenziwa kweminye imizi apha ngumzi wam lo kwaye ndigqibile xa ndisithi lenkwenkwe ayoluki andizuva ngayo
Nosabatha: kodwa ke ukhumbule ukuba wafuna umfazi ukuba abe ngumncediisi wakho xa uxakwe, akukhonto uyidingayo qa ume ngelizwi lokuba nguwe indoda qhuba ungandibizi izinto xa zisonakala, uthi ngumntana kabani lo makatshiywe ngokaManxele lomntana umphazamisa nakwezimviwo (wamshiya apho waya egumbini labo lokulala)

(Ushiyeke ezibuza imibuzo apho engaphendulekiyo wade wabiwa bubuthongo walala aphoezisofeni)

INSERT 12

(KungoMvulo uLolwethu uhamba newele lakhe bazipholele ixesha lisabavumela)

Loliwe: mtase yazi ndilibele ipen yam
Lolwethu: hayi wethu ipen uzoyifumana esikolweni noko unaye umntu
Loliwe: naku umntu eyenza into encinci into yolibala ipen sibala imvivo ipen kaloku zifakwa izinto xa kubhalwa
Lolwethu: uzama ukundixelela ukuba woyika neyomntu wakho?
Loliwe: sithi isithethi "themba ilitye kunomntu" khona mtase ithini into yakho noMfundo?
Lolwethu: hee! undikhumbuza into andifunwa nguMfundo na ucinga obubutshomi babo benza ukuba bajole emzini omnye
Loliwe: kanti wena mtase awuyiboni intle nalonto kwaye uMfundo mhle andisiboni isizathu sokuba ungamfuni okanye uyasibona wena?
Lolwethu: hayi wethu qa ndise ndaxakwa kukuba ndoyiqala ngaphi into yesijolo
Loliwe: ingathi ke sisi ngowuthatha isigqibo engekathathwa
Lolwethu: ndimthembile wethu uzoncekelela qa ndise ndanoloyiko lok*mvuma andazi kutheni
Loliwe: yinto yomntu wonke nje leyo kdwa ungothuki sele kophulwe
Lolwethu: hay wethu ukuba undithanda nyhan uzonyamezela
Loliwe: haike masithembe njalo
Lolwethu: Yhoo! mtase singenile isikolo
(Babaleka ukuyongena egumbini labo lokufundela)

21/05/2017

(kuvele uNosabatha sele esithi)

Nosabatha: haibo kwamnyama nihleli phandle ngenani ukutya kulungile

Kwedinana: siyeza mfazi

Thabo: kodwa Tata uMfundo uyoluka kwaye singontanga

Kwedinana: ndiyayibona kengk lento ujonga izinto zeminye imizi wena uzithelekise nezalapha kowenu jonga apha kowam umzi andizuphikisana nawe ndigqibile ngoku awoluki ude uphangele

(Nyhan ke uThabo khange abe nalizwi lingelinye nangona ekhathazeke e uyinyama uvele nje waphakama ukuya endlini walandela naye uKwedinana)

Nosabatha: haziba yinton le ithethwa ngumntu nonyana wakhe kwacaba ababoni nelanga ukuba kudala litshonile nahlala ebumnyameni

Kwedinana: hayi mfaz besincokola nje ngalemfuyo yanda imihla nezolo sele uThabo exakwe nakuthiya amagama amanye amathole

Nosabatha:(ebanika ukutya) kodwa unyana wam ufanele noko zininzi ngoku kwagqityelwa nini uxhelwa kwelikhaya

(uThabo ukhe nje kabini kokokutya wayokubeka entla ebonakalisa mhlophe ukuba akonwabanga kwaphela)

Nosabatha: ndibona isimanga ke namhlanje owam unyana ashiye ukutya ubutyeph na nyana

Thabo:(ngelizwi eliphantsi) hayi mama ndisahluthi noko benditye sele kungorhatya lamvubo

Nosabatha:(enga qini umqwaz kuNosabatha) haike ndiyakuva nyana ubotsho kaloku xa ungaphilanga umama akunyange

Kwedinana: kdwa uyamfekethisa lo Montana noko mdala ngoku ngesitsho xa enengxaki uyakwaz ukuthetha

Thabo: mama mandinishiye ngomso funeka ndivuke (esiya egumbini lakhe)

Nosabatha: ulale kakuhle Montana wam uyakuthanda umama wakho vah!

(Ushiyeke uNosabatha engayiqondi kwaphela into eyenzeke kuthabo

15/05/2017

Insert 11

(Ekohlukaneni kwabo uThabo ushiyeke eyicinga nzulu lento ezama namaqinga)

Thabo: (ethetha yedwa) kowu! Yanzima ke lento ithethwa nguMfundo, utata ndiyamazi soze ayivume into enje kodwa ke ndozama nakanjani

(uThabo ufike kowabo utata wakhe sele ehleli ngasebuhlanti ezitshayela inqawe yakhe)

Kwedinana: khawubethe nyana wam uzifumene zonke?

Thabo: ewe Tata yazi uvelani engabonakali nje intsuku ezi uhlala pha kwatitshala uValelo uphethe elathokazi lapha lintsundu

Kwedinana: noba uyavuya uXaba uzoba nenkomo entle xa ikhwelwa nguVelani

(uThabo ubone ilelona thuba lokuba athethe notata wakhe ngoku eseyedwa malunga nokuba efuna ukwaluka)

Thabo: Tata

Kwedinana: nyana wathi sincokola wandibiza haike uqalile ngalamaqinga akho xa sele kuzokusa kube ngomvulo sowufuna imali nyana

Thabo: hayi Tata qa kukho into ekudala ndiyicinga​ qa ndixakwe kukuba ndoyiqala ngaphi

Kwedinana: ikhangeleka ngathi lento ibalulekile ingaba yinton? Thetha nyana noko utata uzoza nesisombululo

Thabo: Tata noko ixesha ihambile ngoku kuwe nomama kwaye nam ndifunda ibanga leshumi elinesibini ngoku

(Uthe engekagqibi njalo uThabo utata wakhe yamothusa lento wakhawuleza waphendula)

Kwedinana: niqalile ukwenza izinto zokugqibela uzama ukundixelela ngento yoba ufuna umtana?

Thabo: akunjalo tata qa bendifuna ukuthi ndikulungele ukuba ndoluke ngoku noko iminyaka yam iyayivumela lonto

Kwedinana:(esothuka) thabo uyaqaphela ukuba awukaphangeli usafundiswa ngemali kanzima uthi mayithathwephi imali kudala umnt wayephangela ukuze kubekho imali yokuzelusa

15/05/2017

Thabo: ungayenza njani into enjalo xa ndinongoluki uzothini kutata wakho?

Mfundo: icacile nje ntangam ukuba nawe funeka woluke nam

Thabo: ndoyiqala ngaphi lento kutata

Mfundo: uzomxelela utata wakho ukuba ndiyangena soze avume utshiywe ndim

Thabo: awumazi wena utata kdwa ndozama elicebo lakho undincedile ntangam

Mfundo: abahlobo bakholo into ezinjalo

Thabo: xo ntangam khawuyeke ndileqe uyovalela inkomo ndokhe ndizame nangona utata esokolisa nje ndobona

Mfundo: nam ndileqa ezankukhu azikavalelwa (bohlukane)

15/05/2017

(kungene uThandiwe besaxoxa njalo ezise isiselo kwecwaka xa engena)

Thandiwe: haziba amadoda ahleba ntoni athula xa ndingena

Hlomla: sithandwa sam amadoda awahlebi zange wayiva lonto?

Mfundo: hayi umomnci noba uyaqhula

Thandiwe: oyena mntu uyiqondileyo lento nguMfundo, ndiyaqhula bonomagaga

Hlomla: sithandwa sam sisesebuhlanti khawube usishiya kancinci

Thandiwe: (oh! Amadoda ngamabhunga) ndiyaniva ke

Hlomla: bendisabuza ke nyana?

Mfundo: ndiye ndacinga ukuba ndingene naye untanga wam njengoko besizihlobo obuncincini bethu

Hlomla: ubukhe wayithi tshuphe lento k*mama wakho

Mfundo: ha.a Tata ndiqonde ukuba mandiqale apha kuwe soze angavumi ukuba wena uvumile

Hlomla: kungcono ke xa usitsho njalo nyana thetha nomama wakho ukuze sibe nokwazi ukuyigqiba lento

Mfundo: ndiyabulela Tata kakhulu mandikushiye noko sekuhlwile ngoku

Hlomla: kulungile nyana ndiyavuya xa ucinge into engaka kuyacaca ukuba ukhulile

Mfundo: undivalelisele k*momnci (waphuma)

(Endleleni egodukayo uMfundo udibana noThabo)

Mfundo: ndemka! Kwedini ndiyoluka kungentsuku zatywala

Thabo: ntangam uyanxila na ngoku?

Mfundo: haibo ntangam caba awukacingi ukungena?

Thabo: mfondini kudala ndiyicinga lonto qa ndixakwe kukuba ndoyiqala ngaphi kutata

Mfundo: bendiba umdala kanti usemncinci uyandazi nditheni kutata mna

Thabo: (ebonakalisa umdla) khawutsho utheni? Ntangam

Mfundo: ndixoke ngawe ndathi uyoluka wavuma utata ukuba ndingene nawe

14/05/2017

Insert 10

( Emzini kaHlomla kuhleli uhlomla nesinqanda mathe sakhe kufika uMfundo)

Thandiwe: usuku lwanamhlanje lubukeka nje ngosuku apha olupholileyo

Hlomla: utsho kuba kutheni thandie sithandwa sam?

Thandiwe: ndagqibela kudala ukuhlala nesithandwa sam kamnandi kangaka

Hlomla: haibo sithandwa undenza lomnt na ingathi andikuhoyanga

Thandiwe: hayi hlohlo wam andithethi lonto masonwabe wethu

( Kunkqonkqoze umntu emnyango)

Thandiwe: (yazuba ngubani nangoku lowo thixo uzosiphazamisa ndisancoma) Ngena!

Mfundo: kusalelwe ndiyaxolisa ngokuniphazamisa

Thandiwe: hayi ketana akulelwanga qa yilemo yezulu le isenze saphola

Mfundo: ndiyakuva momnci ingaba ukhona utata ndihambele kuye

Thandiwe: ewe ukhona hlala phantsi ndiyombiza) utsho esiya egumbini labo)

Hlomla: (ebhekisa KuThandiwe) ngubani lo uthetha naye

Thandiwe: ngunyana wakho uMfundo uhambele kuwe

Hlomla: oh! Haziba lenkwenkwe ifunani bendisando yinika imali nje

Thandiwe: haike andingeni ndawo

Hlomla: (utsho sele esiya kunyana wakhe) nyhan awungeni ndawo

(Ufike egumbini lokuhlala unyana wakhe ezichofela ifoun yakhe)

Hlomla: mholo nyana wam

Mfundo: mholo Tata

Hlomla: kunjan kodwa nyana?

Mfundo: ndiyaphila Tata sinyamezele kunjan kuwe?

Hlomla: siyazama nathi nyana umdala ngoku sele ukwazi nokubuza impilo

Mfundo: noko kuyazameka kaloku esikolweni siyafundiswa nendlela yokubuza impilo

(Kuvele uThandiwe sele ebuza)

Thandiwe: ndinganiphathela isiselo esibandayo?

Hlomla: singabulela kakhulu elilanga lisizamile

Thandiwe: ok! (Utsho esiya egumbini lokuphekela)

(Hlomla ebhekisa kunyana wakhe)

Hlomla: khawutsho nyana awuqelanga ukufika ungatshongo ingaba uleqwa yinton?

Mfundo: akhonto ingako Tata ngaphandle nje kokuba uThabo engena apha kuJune

Hlomla: ngoku xa engena ufuna ukuba yinqalathi yakhe (emqhula​)

Mfundo: yho! Tata kungangcono kuthiwe andikho soze ndibe yinqalathi yentanga yam

Hlomla: khawutsho ke nyana uye wacinga ntoni xa esoluka uThabo?

04/05/2017

Nosabatha: hayi abantu base bancokola isikhaya

Nowezile: kanene ndilibele ukuba awunantombi unexhala lothenga k*m

(Bahleka bonke besahleka njalo uNosabatha wabuza ngesehlo sangezolo)

Nosabatha: bantwana bam akukho kwenza ngathi khange kwenzekento izolo

Nowezile: ngeliphandle ke bantwana bam bendibuza malunga nesehlo sayizolo kuNosabatha

Lolwethu: umama ufike sele uleli phantsi khange sikwazi nathi uk*mxelela besisothukile

Loliwe: umama ebengxolisa mna kuba ndibuye kade evenkileni wade waphumela kubunzima asikhulise ngabo kulapho aveze khona igama lika bhuti Hlomla (wafixiza engekagqibi)

(Kugqibezele uLolwethu)

Lolwethu: kulapho avele wawa khona

Nosabatha: (imethusile lendawo kaHlomla) ndiyabulela bantwana bam ningaya egumbini lenu niqine kuzolunga

(Kunyanzeleke ukuba bahambe uLoliwe kucaca ukuba akakaxoli kwaphela uNosabatha ushiyeke ebhekisa kuNowezile)

Nosabatha: yheyi mfazi yanzima ke le into indixakile inene

Nowezile: azuba ndoyiqala ngaphi ebantwaneni bam lento

Nosabatha:(ebuhiqonda ukuba iyamngcungcuthekisa lento) Sisi balinde ababantwana babe badala uzobaxelela kakuhle sele benengqondo yokwahlula into ebalulekileyo kwengabalulekanga

Nowezile: bazothi xa sele ndibaxelela bebadala bendithuleleni ixesha elingaka

Nosabatha: hayi wethu icebo lozivelela ngoko

Nowezile: ndiyakuva ke mfazi

Nosabatha: mfazi noko kuhlwile ngoku kulamzi andinantombi mandikushiye

Nowezile: mandikukhuphe mfazi (baphuma)

10 2mrrw

04/05/2017

Nosabatha: vuya wena kuba ukhe uphumle uthini ngale yam yozala inkwenkwe yodwa

Nowezile: mfazi makhe sidlule apho kwenzeke nton k*m izolo?

Nosabatha: haibo mfazi wahlala nabantwana khange ubabuze kwanto ngesehlo sayizolo?

Nowezile: kunzima uqala into ebantwaneni Kant izobaphatha kakubi

Nosabatha: undiva ndibuza nje ndenziwa kukuba mna ndifike sele uphantsi ngamawele akho anolwazi olungcono

Nowezile: sithin kengoku mfaz? Kuba nyhan ndiyafuna ukuyaz into endehleleyo izolo

Nosabatha: icebo kukuba sibize abantwana bazoyichaza ngcono lento

Nowezile: (ebuyoyika lento yokufaka abantwana kulento) ucinga ukuba ayizubaphatha kakubi kodwa lento

Nosabatha: kungenzeka ukuba ibaphethe kakubi kungoku sithethayo

Nowezile: (engenayo enye indlela) masibabize ke mfazi

Nosabatha: (ebabiza) loliwe! Yizan apha

(Beze bengxamile beyiqonda ukuba bangabizwa bobabini kungesehlo sayizolo, bafike bema)

Nosabatha: hlalani phantsi anifuni na uva izimvo zabant abadala (ebaqhula)

Lolwethu: (ehlala) sisebancinci nje mama

Nowezile: into yoba ngumfaz ayinabuncinci bantwana bam

Loliwe: haibo mama uthetha ukuba isoka elinoth lizothatha thina ungalamkela?

Nowezile: akuthwa hayi emalini

Lolwethu: (ebhekisa kuLoliwe) Mtase ingathi sizothengiswa ukuba asijongana

(uNosabatha ubone mhlophe ukuba kotshona ilanga oko kuncokolwa into angababizelanga yona)

later 2day

Address

Willowvale

Alerts

Be the first to know and let us send you an email when Ukuphela Kothando posts news and promotions. Your email address will not be used for any other purpose, and you can unsubscribe at any time.

Share